Jump to content

William Shakespeare

Livela
The printable version is no longer supported and may have rendering errors. Please update your browser bookmarks and please use the default browser print function instead.
uWilliam Shakespeare
U-Mzobo ka-Chandos obonisa u-Shakespeare (ugcinwe yi-National Portrait Gallery, e-London)
Uzelwe Stratford-upon-Avon, England
Uphehlelelwe 26 April 1564
Ubhubhe 23 April 1616 (ubudala 52) Stratford-upon-Avon, England
Indawo yokuphumla/angcwatyelwe kuyo Church of the Holy Trinity, Stratford-upon-Avon
Umsebenzi wakhe * umbhali-midlalo-qongeni * imbongi * umlinganisi-qongeni
Iminyaka yokusenza c. 1585–1613
Ixesha/ixa lokuphila * iXa lika-Elizabhethe * iXa lamaJekhobhini
Intshukumo iNguqu yamaNgesi
Umlingane wobomi Anne Hathaway(m. 1582)
Abantwana * Susanna Hall * Hamnet Shakespeare * Judith Quiney
Abazali * John Shakespeare (uyise) * Mary Arden (unina)
Utyikityo

uWilliam Shakespeare (waaphehlelelwa ngomhla wama-26 kuTshazimpuzi ka-1564 – wabhubha ngowama-23 kuTshazimpuzi ka-1616) wayengummi waseNgilane owayengumbhali wemidlalo yeqonga, eyimbongi, kwaye ekwanguye nomlinganisi-qongeni. Hlabathini-banzi, kunanamhla oku, uShakespeare lo waziwa kakhulu kwaye uhlonitshwa njengoyena mbhali ubalaseleyo nowayephume izandla kulwimi lwesiNgesi; ingakumbi kwimidlalo yeqonga. Maxa wambi ude emana echazwa njengembongi yesizwe saseNgilani, kunjalonje abizwe "iNyange lase-Avon" (okanye ke "iNyange"). Imisebenzi-mibhalo yakhe eyaziwayo, kuquka imisebenzi yokuncedisana, xa iyonke ibalelwa kumashumi amathathu anesithoba (39) yemidlalo-qongeni, ikhulu elinamashumi amahlanu anesine (154) ezibongo eziziisonethi, izibongo-ntetho/mbaliso ezintathu, kunye neminye imihlathi embalwa, kunye nemibhalo nje ethile engagqamanga. Imidlalo-qongeni yakhe iye yaguqulelwa kuninzi lweelwimi eziphilayo/ezithethwayo ezinkulu kwaye idlalwa jikelele emaqongeni rhoqo ngaphezu kwemidlalo-qonga yakhe nawuphi na umbhali-midlalo-qongeni ehlabathini. Kunanamhla oku, usaziwa engoyena mbhali ungumzekelo/usisisele senyathi kubabhali kunye nenyange lolwimi lwesiNgesi. Imisebenzi yakhe isaqhubeka ngokufundwa kwaye isaqhuba nokwenziwa iinguqulelo zeenguqulelo, ezihlelwa ngokuhlelwa.

Lo ka-Shakespeare wazalelwa wakhulela e-Stratford-upon-Avon, e-Warwickshire, e-Ngilane. Uthe xa ekwiminyaka elishumi elinesibhoso ebudaleni (18) wazeka/watshata u-Anne Hathaway, owathi wamzalela isithathu sabantwana: u-Susanna kunye namawele, u-Hamnet no-Judith. Xeshikweni lithile phambili phayaa phakathi kweminyaka yewaka elinesihlanu samakhulu nesibhozo samashumi anantlanu (1585) ukuya kunyaka wewaka elinamakhulu amahlanu anesithoba samashumi anambini (1592), waaqalisa isakhono sakhe esiqaqambileyo e-London njengomlinganisi-qongeni, umbhali, kunye nombandakanywa-mnini/ilungu lequmrhu lemidlalo-qongeni elalibizwa Amadoda eNkosi uTshembaleni, nelathi kamva labizwa Amadoda eKumkani. Waathi xa wayeminyaka imashumi-mane anesithoba (49) (kwizithuba zeminyaka yama-1613), wabonakala ethabatha umhlalaphantsi e-Stratford, apho ke wabhubhela khona emva kwesithathu seminyaka ekuloo mhlalaphantsi. Ke kaloku zimbalwa kakhulu izishicilelo ezikhoyo ezimalunga nobomi babucala buka-Shakespeare; ngexa yaloonto ke, kuye kwakho iintshukumo, imibuzo, iminqweno kunye neenjongo-ngqwalasela ezivisayo malunga nemiba yembonakalo yakhe, isini sakhe, nezimvo zakhe ngenkolo kunye nokuzama ukugrumba ngelithi ingaba imisebenzi-mibhalo ebizwa ngaye yeyakhe ngokwenene kusini na okanye yaabhalwa ngabanye abantu.

U-Shakespeare waqulunqa eyona misebenzi-mibhalo yakhe yaziwa kakhulu phakathi kweminyaka yama-1589 kunye nama-1613. Imidlao-qongeni yakhe yokuqala yayivame ukuba z-izonwabiso/iziyolisi kunye nee-mbali kwaye nanamhla oku isathatyathwa njengeyona misebenzi-mibhalo ibalaseleyo ngobungcono nokugqibelela eyathi yaqulunqwa kwezintlobo zemibhalo zombini. Waza ke emva koko wakholisa ukubhala izehlo/iziganeko ukuya kunyaka wama-1608, phakathi kwayo loo misebenzi singabalula u-Hamlet, u-Romeo and Juliet, u-Othello, u-King Lear, kunye no-Macbeth; mibhalo leyo ke yathi yathatyathwa njengeyona ikrelekrele kakhulu phakathi kwemibhalo jikelele ezimbalini zemibhalo kulwimi lwesiNgesi. Kwisigaba sokugqibela sobomi bakhe, u-Shakespeare waabhala iintlekele-ziyolisi (ezaziwa maxa wambi njenge-mibhalo-luthando) kwaye ke wasebenzisana ngokuncedisana nabanye ababhali-midlalo-qongeni.

Uninzi lwemidlalo-qongeni ka-Shakespeare yayisasazwa/yayisaziswa/yayipapashwa ngokwezihlaziyo nemihlalutyo ngemihlalutyo, ngokuxhomekeke ekushiyaneni komongo, undoqo, nangokwexabiso lwembalasela yomdlalo ngamnye, kunye nokungqamana kwexesha lobomi bakhe. Kodwa ke, ngonyaka wama-1623, abafo ababini ababengabalingane baseqongeni nababengabahlobo baka-Shakespeare, u-John Heminges kunye no-Henry Condell, baashicilela/baapapasha eyona mibhalo icacileyo eyaziwa njenge-First Folio, eyimibhalo-mbaliso eyingqokelela yohlaziyo lwemisebenzi ka-Shakespeare eyayiquka yonke imibhalo-qongeni yakhe ngaphandle nje kwemibini kuphela. Ingabula-zigcawu yayo yayingumbongo ka-Ben Jonson; mhobe lowo wawubonga u-Shakespeare ngamazwi agqame nanamhla oku athi: "not of an age, but for all time" ("ayikokwengugo oku, kodwa kokwanaphakade").